Tuesday 14 May 2013

Sithi ‘huntshu’ tat’ uNcwane


Andizokuwenza made nakangako, ndizakuthi gqaba-gqaba ndixel’ umgqakhwe uzinika kwilifa elingelo lawo.

KuMgqibelo odlulileyo, inginginya yoo saziwayo yenze umngcelele osingisela eSun City nalapho bekubanjelwe khona umnyadala wonikezelo wawonga (The 19th MTN South African Music Awards), award ceremony ngabul’ abayileyo esikolweni.

Thina bathe qelele eRhawutini nabangenazintsiba zakufikelela siye sazitshomanisa noo mabona kude bethu kuba singakufuni ukuphoswa ngulomsitho mhle yaye ubaluleke kangaka kwikhalenda yezomculo kweli loMzantsi Afrika.

Ok, enough PR now... Apho ndiyakhona kusekuqhwabeleni izandla imvumi yomculo wokholo, uS’fiso Ncwane nokudala esemculweni, nokhe wagagana namaqhwa. Kodwa ngenxa yokuba umzingisi engenashwa, xa kunamhlanje uyindumasi.

S'fiso Ncwane
Umfanekiso: google.com
Le mvumi, nedume ngengoma, ‘Kulungile Baba’ izithaphulele iwonga le’Record of The Year.’ Eli wonga lelinye lamakhulu osuku (kunyaka ngamnye.)

Uchulumanco endibenalo xeshikweni eqabela eqongeni eyokwamkela iwonga lakhe belingathetheki, akakhange akwazi nokuphefumla kangako, usuke wadanduluka ngengoma kanye le emenze aphumelele.

Enye yezinto ezindivuyisayo yeyokuba mhla uNcwane wathathela ulawulo lomculo wakhe ezandleni zakhe (wafulathela inkampani nebikade imphethe, Bula music, waqala eyakhe S’fiso Ncwane Music Productions), waze unkosikazi wakhe, u-Ayanda Ncwane wangumphathi wakhe, intsimi yabo yachuma yatsho idiza lazikhwebu ngambini.

S'fiso Ncwane kunye no-Ayanda Ncwane (unkosikazi)
Umfanekiso: TvSA.com
Liyinyani elithi emva kwayo nayiphi na indoda, kukho umfazi engqiyame ngaye.

Ntinga Ncwane unqandwe ziinkwenkwezi ndiyakuvuyela.