Monday 7 October 2013

Yeyokuqala ngqa, kodwa umgangatho uyancumisa

Ndimathidala ukubhala lomhlathi, kodwa nanjengomthandi womculo wokholo ndiqonde mandithi gakru isifuba. Kakade ndisakhula kwakuqhele ukuthiwa ‘ngena Xam amanzi uwaqhelile’ nam mandithi gxumpu.

Umfanekise: www.cumbooks.co.za
 

Eyona nto ibindenza madol’ agevegeve yeyokuba uS’fiso ngumpondo zihlanjiwe, akanguye nje omnye wabaduk’ engceni beemvumi abaleqeka nje emva kweqhosha elingenamngxunya. Ndibe ke nam ndisemtsha, ukuba bendiyinjana ngendingekathungululi…!!

Alright, alright enough Christian PR already, duh!!! :D :D

Lomhlathi ujoliswe ekuqhwabelini izandla uNcwane ngomsebenzi omhle awenzileyo-ukhuphe i-DVD eshicilelwe phambi kwababukeli/ abalandeli.

Umgangatho wayo, andifuni nokuthetha intsomi etywaleni, uphezulu ngolona hlobo. Enye yezinto ezibalaseleyo kule-DVD nezindenze ndashiyeka owam ndiwuthe nkebe yeyokuba unazo neetoloki zaba zizimumu (sign language interpreters ngabula makhumsha.)

Xa sithetha ngemvakalo nesingqi, undenza ndishiyeke ndiphelelwe nabubuciko, intle into epha.
Xa ubukele le-DVD uyilibala ‘li’ into yokuba ubukele “umabona-kude” kodwa uzive unge ngathi ukwimvuselelo.

Ubungqina bako konke oku bubonakala ngexesha ehlabela ingoma ekwindawo yesixhenxe nethi ‘Ingakho Ngicula.’ Imbonakalo ebusweni babalandeli yileyo kanye yababona amazulu evulekile.

Ndiyayithanda nendlela acwangcise ngayo iingoma; uvule ngo ‘Halleluja’ noyingoma enqulayo nto leyo elungisa abalandeli, ibafake kumoya wenkonzo. Uthi esakuthi ‘Kulungile Baba’ abatsho abalandeli e-ICC nabagcwalise iholo lema ngesilevu bangazazi nokuba mabathini, befunyenwe yintambiso kaThixo.
Kuba abathandi bomculo wokholo besuka kwiinkalo ngeenkalo, uzame kangangoko anaka ukukhawulelana neemfuno zabo. Ukwenze oko ngokuhlabela iingoma ezifana no-14 (‘You Are Wonderful Jesus’)

Kwindawo yama-14 ucula ethi ‘We Give You All The Praise’. Akakhange kananjalo abavalele ngaphandle oo bhuti noo sisi bethu base-Afrika ngengoma eku-19.
Uyivala inkonzo ngengom zama-Zion nalapho ayitsho indlu yema ngeenyawo.

Kungaphela i-ink ukuba ndingafuna ukuthetha ngolucwambu lwecwecwe. Ofanelwe kukwenza wena kunye; go and get yourself a copy, it’s a decision you’ll never regret for the rest of your life because it’s certainly a ‘must-have.’

 

 

 

 

 

 

 

 

Wednesday 2 October 2013

Usizimele qobokazana, kodwa akunani :(

Nanjengomxhasi ozingcayo womculo wokholo, ndibone kufanelekile ukuba ndenze amazwi okuthi ‘ndlela ntle’ kule mvumi ilizwi liqolileyo.


Umfanekiso: www.music4u.co.za
Bekungentseni yangeCawa ngexesha ndifunda umbhalo ku-Facebook, obusibikela ngengozi uNobandla Mangisa nobeneminyaka engama-35 agaxeleke kuyo laze itshoba lalala umbethe.

Ithi ingxelo ebesenza umbuyo kumthandazo obuseGcuwa.
Andizange ndiyikholelwe ncam kwityeli lokuqala ndiyifunda, ndandinga ndiyaphupha, kodwa kwakamsinya ndakhawuleza ndazixelela: ‘Ayilophupha Sihle, yinyaniso, uNobandla usandulele.’

Uyindlavini yesela kanene kufa L.

Bambi banga bayazibuza ukuba bendingumlandeli ongako na, kuba abazange bandiva nangosuku olunye ndikhankanya le mvumi. Bendimthanda kakhulu.

Izizathu ebendimthandela zona zibini; umyalezo kwiingoma zakhe ubungqingqwa yaye ungafihlisi. Okwesibini, ebeyinkosikazi ebilubhentsise elubala uthando lwayo lukaThixo, yaye izenzo zakhe bezibubungqina obungathandabuzekiyo.
Zininzi iingoma esinokumkhumbula ngazo, zezifana no-‘Vul’ indlela sihambe,’ ‘Yhembulali wophelelaphi’ nezinye nje ezininzi.
Unento ebeyithiye kakhulu, well I honestly can’t blame her; ukuthengiswa komculo ezitalatweni.

Ndikhumbula ngonyaka wama-2009 xa wayekwaLanga eshicilela i-DVD yakhe. Wabongoza abalandeli bakhe nababeyindimbane, wathi: “Sanukuwuthenga umculo wethu ezitalatweni. Kuba xa nenza njalo nakusenza sife singenanto babe bona ababantu nithenga kubo behamba ngee Mercedes Benz.”

Xa wayesenza lamazwi acengayo nalumkisayo, ayizange nakanye indithele qatha into yokuba namhlanje angabe kanti ulele ngophotho.

Andinanto ingako ndizakuyitsho ngalenzalelwane yaseTsomo, neshiya ngasemva abantwana abathathu, sele ndifane ndiyengezelisa ndithi: ‘Hamba kakuhle sisi, uyilime wayihlwayela eyakho indima, andisoze ndikulibale.’