Monday 7 October 2013

Yeyokuqala ngqa, kodwa umgangatho uyancumisa

Ndimathidala ukubhala lomhlathi, kodwa nanjengomthandi womculo wokholo ndiqonde mandithi gakru isifuba. Kakade ndisakhula kwakuqhele ukuthiwa ‘ngena Xam amanzi uwaqhelile’ nam mandithi gxumpu.

Umfanekise: www.cumbooks.co.za
 

Eyona nto ibindenza madol’ agevegeve yeyokuba uS’fiso ngumpondo zihlanjiwe, akanguye nje omnye wabaduk’ engceni beemvumi abaleqeka nje emva kweqhosha elingenamngxunya. Ndibe ke nam ndisemtsha, ukuba bendiyinjana ngendingekathungululi…!!

Alright, alright enough Christian PR already, duh!!! :D :D

Lomhlathi ujoliswe ekuqhwabelini izandla uNcwane ngomsebenzi omhle awenzileyo-ukhuphe i-DVD eshicilelwe phambi kwababukeli/ abalandeli.

Umgangatho wayo, andifuni nokuthetha intsomi etywaleni, uphezulu ngolona hlobo. Enye yezinto ezibalaseleyo kule-DVD nezindenze ndashiyeka owam ndiwuthe nkebe yeyokuba unazo neetoloki zaba zizimumu (sign language interpreters ngabula makhumsha.)

Xa sithetha ngemvakalo nesingqi, undenza ndishiyeke ndiphelelwe nabubuciko, intle into epha.
Xa ubukele le-DVD uyilibala ‘li’ into yokuba ubukele “umabona-kude” kodwa uzive unge ngathi ukwimvuselelo.

Ubungqina bako konke oku bubonakala ngexesha ehlabela ingoma ekwindawo yesixhenxe nethi ‘Ingakho Ngicula.’ Imbonakalo ebusweni babalandeli yileyo kanye yababona amazulu evulekile.

Ndiyayithanda nendlela acwangcise ngayo iingoma; uvule ngo ‘Halleluja’ noyingoma enqulayo nto leyo elungisa abalandeli, ibafake kumoya wenkonzo. Uthi esakuthi ‘Kulungile Baba’ abatsho abalandeli e-ICC nabagcwalise iholo lema ngesilevu bangazazi nokuba mabathini, befunyenwe yintambiso kaThixo.
Kuba abathandi bomculo wokholo besuka kwiinkalo ngeenkalo, uzame kangangoko anaka ukukhawulelana neemfuno zabo. Ukwenze oko ngokuhlabela iingoma ezifana no-14 (‘You Are Wonderful Jesus’)

Kwindawo yama-14 ucula ethi ‘We Give You All The Praise’. Akakhange kananjalo abavalele ngaphandle oo bhuti noo sisi bethu base-Afrika ngengoma eku-19.
Uyivala inkonzo ngengom zama-Zion nalapho ayitsho indlu yema ngeenyawo.

Kungaphela i-ink ukuba ndingafuna ukuthetha ngolucwambu lwecwecwe. Ofanelwe kukwenza wena kunye; go and get yourself a copy, it’s a decision you’ll never regret for the rest of your life because it’s certainly a ‘must-have.’

 

 

 

 

 

 

 

 

Wednesday 2 October 2013

Usizimele qobokazana, kodwa akunani :(

Nanjengomxhasi ozingcayo womculo wokholo, ndibone kufanelekile ukuba ndenze amazwi okuthi ‘ndlela ntle’ kule mvumi ilizwi liqolileyo.


Umfanekiso: www.music4u.co.za
Bekungentseni yangeCawa ngexesha ndifunda umbhalo ku-Facebook, obusibikela ngengozi uNobandla Mangisa nobeneminyaka engama-35 agaxeleke kuyo laze itshoba lalala umbethe.

Ithi ingxelo ebesenza umbuyo kumthandazo obuseGcuwa.
Andizange ndiyikholelwe ncam kwityeli lokuqala ndiyifunda, ndandinga ndiyaphupha, kodwa kwakamsinya ndakhawuleza ndazixelela: ‘Ayilophupha Sihle, yinyaniso, uNobandla usandulele.’

Uyindlavini yesela kanene kufa L.

Bambi banga bayazibuza ukuba bendingumlandeli ongako na, kuba abazange bandiva nangosuku olunye ndikhankanya le mvumi. Bendimthanda kakhulu.

Izizathu ebendimthandela zona zibini; umyalezo kwiingoma zakhe ubungqingqwa yaye ungafihlisi. Okwesibini, ebeyinkosikazi ebilubhentsise elubala uthando lwayo lukaThixo, yaye izenzo zakhe bezibubungqina obungathandabuzekiyo.
Zininzi iingoma esinokumkhumbula ngazo, zezifana no-‘Vul’ indlela sihambe,’ ‘Yhembulali wophelelaphi’ nezinye nje ezininzi.
Unento ebeyithiye kakhulu, well I honestly can’t blame her; ukuthengiswa komculo ezitalatweni.

Ndikhumbula ngonyaka wama-2009 xa wayekwaLanga eshicilela i-DVD yakhe. Wabongoza abalandeli bakhe nababeyindimbane, wathi: “Sanukuwuthenga umculo wethu ezitalatweni. Kuba xa nenza njalo nakusenza sife singenanto babe bona ababantu nithenga kubo behamba ngee Mercedes Benz.”

Xa wayesenza lamazwi acengayo nalumkisayo, ayizange nakanye indithele qatha into yokuba namhlanje angabe kanti ulele ngophotho.

Andinanto ingako ndizakuyitsho ngalenzalelwane yaseTsomo, neshiya ngasemva abantwana abathathu, sele ndifane ndiyengezelisa ndithi: ‘Hamba kakuhle sisi, uyilime wayihlwayela eyakho indima, andisoze ndikulibale.’

Friday 21 June 2013

Qaqamba Matheba sikujongile

Esinye sezizathu esabangela ukuba ndisungule eliqonga lam yayikukufuna ukufumana ithuba eloneleyo lokuqhwabela izandla oosaziwayo baseMzantsi Africa xa besenza izinto ezinomkhitha, kuba ndiyabathanda.

Bonang Matheba
Umfanekiso: Dstv.com
Namhlanje ilitha lithe ‘tha’ kwintwazana engendala ukuyaphi- nesiyazi sonke, ukuba ebesisidudu ngesingekabinacwambu that’s how young she is…duh!?!

Kwakude kurhatyele ukuba ndikhankanye imisebenzi ayenzayo. Kodwa omenze waduma kukuba ngumbhexeshi wenkqubo yomculo i‘Live’, awayifulathelayo nesele ithiywe okokutsha kwathiwa yi-‘Live Amp.’ Sithetha nje ngoku, ulelinye lamagqiyazana abhexesha inkqubo kamabona kude, edlala ku-SABC3 nebizwa ‘Top Billing’.

 Ndithetha ngoBonang Matheba, 25, notyunjwe njengonomazakuzaku wemveliso yamafutha enwele, nekwasiso nesigcokoshi-mlomo kunye nesiqhunkqisi (make-up), uRevlon. Ezindaba zibhengezwe kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo. Ndiqonde andinakuphoswa lithula lokuthi, ‘qobokazana’ kulentokazi nethobeke kangaka.
Queen B
Umfanekiso: BonangMatheba.com
Andizokuchitha xesha lide ngokube ndibalula ukuba isikhundla esikumila kunje siqulathe ntoni…I’m not gonna play ‘Mr PR’ for Revlon…hello?!? Look at me! lol Kuba eyona nto indenze ukuba ndidibanise lomhlathi kukuvusisana no’Queen B’ nanjengoko abalandeli bakhe bemkhahlela.

Imbali ithi lentwazana izakuba yeyokuqala ephuma e-Afrika ukuchongelwa esi sikhundla nesizakumxhamlisa amathuba atyebileyo.

Ethetha kudliwano-ndlebe, uBonang uthe nanjengokuba engowokuqala ukuba ngunomazakuzaku ophuma eMzantsi Afrika, kuliwonga elikhulu ukubayinxalenye no-Revlon.

Lo ngumfanekiso wentwazana ekhulele kusapho olungenanto ifana yodwa, nengakhange ibenoloyiko lokuphupha, yiyo nalento amaphupha wayo efezekiseka, de kungathi kwabaninzi yintsomi.

Sithi ‘maz’ enethole’ Matheba, yiphakamise i-flag yoMzantsi izizwe ziwubone.

 

 

 

 

Tuesday 14 May 2013

Sithi ‘huntshu’ tat’ uNcwane


Andizokuwenza made nakangako, ndizakuthi gqaba-gqaba ndixel’ umgqakhwe uzinika kwilifa elingelo lawo.

KuMgqibelo odlulileyo, inginginya yoo saziwayo yenze umngcelele osingisela eSun City nalapho bekubanjelwe khona umnyadala wonikezelo wawonga (The 19th MTN South African Music Awards), award ceremony ngabul’ abayileyo esikolweni.

Thina bathe qelele eRhawutini nabangenazintsiba zakufikelela siye sazitshomanisa noo mabona kude bethu kuba singakufuni ukuphoswa ngulomsitho mhle yaye ubaluleke kangaka kwikhalenda yezomculo kweli loMzantsi Afrika.

Ok, enough PR now... Apho ndiyakhona kusekuqhwabeleni izandla imvumi yomculo wokholo, uS’fiso Ncwane nokudala esemculweni, nokhe wagagana namaqhwa. Kodwa ngenxa yokuba umzingisi engenashwa, xa kunamhlanje uyindumasi.

S'fiso Ncwane
Umfanekiso: google.com
Le mvumi, nedume ngengoma, ‘Kulungile Baba’ izithaphulele iwonga le’Record of The Year.’ Eli wonga lelinye lamakhulu osuku (kunyaka ngamnye.)

Uchulumanco endibenalo xeshikweni eqabela eqongeni eyokwamkela iwonga lakhe belingathetheki, akakhange akwazi nokuphefumla kangako, usuke wadanduluka ngengoma kanye le emenze aphumelele.

Enye yezinto ezindivuyisayo yeyokuba mhla uNcwane wathathela ulawulo lomculo wakhe ezandleni zakhe (wafulathela inkampani nebikade imphethe, Bula music, waqala eyakhe S’fiso Ncwane Music Productions), waze unkosikazi wakhe, u-Ayanda Ncwane wangumphathi wakhe, intsimi yabo yachuma yatsho idiza lazikhwebu ngambini.

S'fiso Ncwane kunye no-Ayanda Ncwane (unkosikazi)
Umfanekiso: TvSA.com
Liyinyani elithi emva kwayo nayiphi na indoda, kukho umfazi engqiyame ngaye.

Ntinga Ncwane unqandwe ziinkwenkwezi ndiyakuvuyela.

Friday 12 April 2013

UKelly Khumalo unesiphiwo



Kelly Khumalo (phakathi) nabadanisi bakhe
Umboniso: Google

Ibingunyaka wama2004 ukufika kwakhe, wabangela ingxolo kulo lonke eli loMzantsi Afrika. Ingulowo ezibuza, “Uvelaphi ke lo?” Iingoma ‘Qinisela’ no ‘Itshitshi’ zezona zamenza indumasi.

Enye yezinto ezatsala umdla kubathandi bomculo kulentwazana yindlela engaxolisiyo enxiba ngayo nendingasiboniyo isidingo sayo…mhlawumbi ndibomvu.
Indlela anxiba ngayo iquka ukuvelisa isinqe phandle, agqume nje amabele ze ngezantsi afake isijungqe sesikeyiti esinokufaniswa nenkciyo.

Akakabuyi ngamva ekwenzeni njalo, kuba kwiveki ezimbini ezidlulileyo ebecula kwinkqubo kamabona kude, Afro CafĂ© nalapho ashiye abaninzi bengonelanga. Kutshintsho lwempahla alenzileyo uye wanxiba ilokhwe nebikhuphe imilenze yakhe phandle yade yaphatse ukuvelisa ubisi lwekati nolukwingobozi…..

Isizathu sokuba ndibhale ngalemvumi nendiyithanda kakhulu kukuba inalento kuthiwa lilizwi- xa icula inalanto ithi “mamela”. Andisazi yaye andisiboni isizathu sokude anqunduze xa ekhwela eqongeni.

Ndikhe kambe ndisive isizathi asoloko esiza naso (nabanye abaculi) xa imibuzo ekumila kwalo ndinawo ivela, sesokuba; “As an artist you must always put on a show that’s full package.”

Lentetho yakhe izama ukuthi ukucula nje kodwa akwanele kodwa nesinxibo sibalulekile. Ndiyavuma kodwa umbuzo wam ngowokuba: Sinyanzeliso sini na esokuba bade banxibe izinquntu zempahla ezide maxesha wambi zivelise okunga kungangaveliswa?


Kelly Khumalo esenza ayenza ngcono-ukucula
Umboniso: Google

Ingaba uKelly uyayidelela italente yakhe netyebe ngoluhlobo?

Tuesday 9 April 2013

UGenerations uxhentsa phantsi kwesibane.


Ndingumthandi nomxhasi ongagungqiyo walomdlalo ungentla uphala phambili xa ubani ethetha ngomthamo wababukeli, sukubanika ingqalelo wena aba basoloko bekhwaza ngokungamthandi kodwa bangabokuqala ukuphakela ngokwenzekayo kuye.
Umboniso: Google

 Ukuba ndiphoswe sisiqendu nje esinye kulomdlalo utshotsha phambili ndibangathi ndingumntu onqanqathekayo- ongenalo icuba. Sendide ndamteketisa ngoku, ndimbiza u‘J (G)eneza’.

Emva kwesiqendu ngasinye ndisoloko ndishiyeka ndinochulumanco nobobotheko, lokonwatyiswa kukubona abadlali beqonga endibathandayo besenza abakwenza ngcono- ukubalisa amabali. 

Sesiphi esona sizathu sibangela ukuba ndibhale lomhlathi?Nantsi impendulo;  zikhona nje izinto ezithanda ukundiphazamisa kulomdlalo- iimpazamana ezimana ukuvela, endingayaziyo nokuba zibonwa ndim ndedwa na…

Kuluxanduva lawo nawuphi na umdlalo kamabona kude ukugcina iilwimi zethu nokufundisa abantu ngokubanzi. Ziyandidanisa ke kambe iimpazamo athe gqolo ukuzenza umlinganiswa uNoluntu Memela odlalwa nguZenande Mfenyana xa ethetha, bambi bangazibona zincinci kodwa zinkulu.

Kwisiqendu saphezolo uthe xa ethetha ngonina lume okanye umalume wakhe wathi ngu “Mntakwethu”. Kanti ngaphambili wathi, ekhanyela ukuzithwala kwakhe, “Andikho mithi mna” endaweni ka “Andimithanga mna.”
Zenande Mfenyana
Umboniso: Gallo images
Intsilela iphi? Kumbhali okanye kumdlali weqonga uqobo?

Monday 8 April 2013

Mzantsi Africa undiphoxile


                                                                     NguSiphesihle Notwabaza

Ndinebhonqo neqhayiya, yaye ndiziva ndithamsanqelekile kukubangummi welizwe uMzantsi Africa. Enye yezinto ezindenza ndizingombe isifuba nesoloko ikhankanywa nangabanye abemi balapha xa bebonga izwe lethu yeyokuba sineendidi ngeendidi zenkcubeko ntoleyo esenza sibenomtsalane kubandwendweli. Xa besityelele (abakhenkethi), bayakhwanqiswa bubuhle bezinto esiye sibaqhayiesele ngazo.

 Xa ndisenza intetho eloluhlobo andikwazi ukushiya ngaphandle into apha endiyithanda ngendlela esisimanga-umculo. Uyinxalenye yenkcubeko yethu kodwa ndithanda ukuwubalula wodwa, kuba awutyebanga koko uyatekelezela. Sinothotho lweemvumi eziphiweyo apha emazwini amnandi. Zezinye zezinto ke ezi ezindenza ndikhukhumale, ndibenamatshamba kukubangummi weli.

Lemiqolo ingengako ndiyenzileyo ngasentla ithetha kamnandi ngelilizwe. Kodwa ndakuba kanti ndinobumenemene ukuba ndiyibalekile inyaniso emsulwa yokuba iziganeko ezithe zagubungela elilizwe kwiminyaka embalwa edlulileyo zibukrwele zabuhluthuluza ubuhle belilizwe. Itshamba liphelile, kushiyeke uloyiko nodano kuphela. Ude ubave besithi abanye, “Andisakuthandi ukuba ngumhlali kwelilizwe, leyokuba uhleli nje unoloyiko.” Andizokube ndichitha ixesha ndidwelisa uluhlu lwezintlekela, nezithe zawushiya uMzantsi Africa ubambe ongezantsi yimpoxeko kuba wonke ubani uyazazi; Anni Dewani, Andries Tatane, Anene Booysen, Reeva Steenkamp nabanye nabanye!!!!!!!!!!!

Eziziganeko zingqinela lantetho ithi ‘Igugu lingabalikhulu umbombo uyaqhosa’. Konke oku kundiphakamisele lemibuzo:

 Mzantsi Afrika kwenze njani? Imoshakele phi lento? Kutheni kwaphalala igazi kangaka? Ingaba selitshonile ilanga ukuba kungalungiswa apho konakele khona?
Andinayo mna impendulo kulemibuzo, mhlawumbi wena unayo.

 Endinokutsho mna kunye, ‘Mzantsi Africa undiphoxile.’