Andizokuwenza made nakangako, ndizakuthi gqaba-gqaba ndixel’ umgqakhwe uzinika
kwilifa elingelo lawo.
KuMgqibelo odlulileyo, inginginya yoo saziwayo yenze umngcelele osingisela
eSun City nalapho bekubanjelwe khona umnyadala wonikezelo wawonga (The 19th
MTN South African Music Awards), award ceremony ngabul’ abayileyo esikolweni.
Thina bathe qelele eRhawutini nabangenazintsiba zakufikelela siye
sazitshomanisa noo mabona kude bethu kuba singakufuni ukuphoswa ngulomsitho mhle
yaye ubaluleke kangaka kwikhalenda yezomculo kweli loMzantsi Afrika.
Ok, enough PR now... Apho ndiyakhona kusekuqhwabeleni izandla imvumi
yomculo wokholo, uS’fiso Ncwane nokudala esemculweni, nokhe wagagana namaqhwa.
Kodwa ngenxa yokuba umzingisi engenashwa, xa kunamhlanje uyindumasi.
S'fiso Ncwane Umfanekiso: google.com |
Le mvumi, nedume ngengoma, ‘Kulungile Baba’ izithaphulele iwonga
le’Record of The Year.’ Eli wonga lelinye lamakhulu osuku (kunyaka ngamnye.)
Uchulumanco endibenalo xeshikweni eqabela eqongeni eyokwamkela iwonga
lakhe belingathetheki, akakhange akwazi nokuphefumla kangako, usuke wadanduluka
ngengoma kanye le emenze aphumelele.
Enye yezinto ezindivuyisayo yeyokuba mhla uNcwane wathathela ulawulo
lomculo wakhe ezandleni zakhe (wafulathela inkampani nebikade imphethe, Bula
music, waqala eyakhe S’fiso Ncwane Music Productions), waze unkosikazi wakhe,
u-Ayanda Ncwane wangumphathi wakhe, intsimi yabo yachuma yatsho idiza
lazikhwebu ngambini.
S'fiso Ncwane kunye no-Ayanda Ncwane (unkosikazi) Umfanekiso: TvSA.com |
Liyinyani elithi emva kwayo nayiphi na indoda, kukho umfazi engqiyame
ngaye.
Ntinga Ncwane unqandwe ziinkwenkwezi ndiyakuvuyela.
No comments:
Post a Comment