Umfanekise: www.cumbooks.co.za |
Eyona nto ibindenza madol’ agevegeve yeyokuba uS’fiso ngumpondo zihlanjiwe, akanguye nje omnye wabaduk’ engceni beemvumi abaleqeka nje emva kweqhosha elingenamngxunya. Ndibe ke nam ndisemtsha, ukuba bendiyinjana ngendingekathungululi…!!
Alright, alright enough Christian PR already, duh!!! :D :D
Lomhlathi ujoliswe ekuqhwabelini izandla uNcwane ngomsebenzi omhle awenzileyo-ukhuphe i-DVD eshicilelwe phambi kwababukeli/ abalandeli.
Umgangatho wayo, andifuni nokuthetha intsomi etywaleni, uphezulu ngolona hlobo. Enye yezinto ezibalaseleyo kule-DVD nezindenze ndashiyeka owam ndiwuthe nkebe yeyokuba unazo neetoloki zaba zizimumu (sign language interpreters ngabula makhumsha.)
Xa sithetha ngemvakalo
nesingqi, undenza ndishiyeke ndiphelelwe nabubuciko, intle into epha.
Xa ubukele
le-DVD uyilibala ‘li’ into yokuba ubukele “umabona-kude” kodwa uzive unge
ngathi ukwimvuselelo.Ubungqina bako konke oku bubonakala ngexesha ehlabela ingoma ekwindawo yesixhenxe nethi ‘Ingakho Ngicula.’ Imbonakalo ebusweni babalandeli yileyo kanye yababona amazulu evulekile.
Ndiyayithanda
nendlela acwangcise ngayo iingoma; uvule ngo ‘Halleluja’ noyingoma enqulayo nto
leyo elungisa abalandeli, ibafake kumoya wenkonzo. Uthi esakuthi ‘Kulungile
Baba’ abatsho abalandeli e-ICC nabagcwalise iholo lema ngesilevu bangazazi
nokuba mabathini, befunyenwe yintambiso kaThixo.
Kuba
abathandi bomculo wokholo besuka kwiinkalo ngeenkalo, uzame kangangoko anaka
ukukhawulelana neemfuno zabo. Ukwenze oko ngokuhlabela iingoma ezifana no-14
(‘You Are Wonderful Jesus’)
Kwindawo
yama-14 ucula ethi ‘We Give You All The Praise’. Akakhange kananjalo abavalele ngaphandle
oo bhuti noo sisi bethu base-Afrika ngengoma eku-19.
Uyivala
inkonzo ngengom zama-Zion nalapho ayitsho indlu yema ngeenyawo.Kungaphela i-ink ukuba ndingafuna ukuthetha ngolucwambu lwecwecwe. Ofanelwe kukwenza wena kunye; go and get yourself a copy, it’s a decision you’ll never regret for the rest of your life because it’s certainly a ‘must-have.’
Ndiyazingca ngawe mhlobam,ntingaaa ntaka ndini
ReplyDelete