Bonang Matheba Umfanekiso: Dstv.com |
Kwakude kurhatyele ukuba ndikhankanye imisebenzi ayenzayo. Kodwa omenze
waduma kukuba ngumbhexeshi wenkqubo yomculo i‘Live’, awayifulathelayo nesele ithiywe
okokutsha kwathiwa yi-‘Live Amp.’ Sithetha nje ngoku, ulelinye lamagqiyazana
abhexesha inkqubo kamabona kude, edlala ku-SABC3 nebizwa ‘Top Billing’.
Ndithetha ngoBonang Matheba, 25, notyunjwe
njengonomazakuzaku wemveliso yamafutha enwele, nekwasiso nesigcokoshi-mlomo
kunye nesiqhunkqisi (make-up), uRevlon. Ezindaba zibhengezwe kwiintsuku
ezimbalwa ezidlulileyo. Ndiqonde andinakuphoswa lithula lokuthi, ‘qobokazana’
kulentokazi nethobeke kangaka.
Queen B Umfanekiso: BonangMatheba.com |
Andizokuchitha xesha lide ngokube ndibalula ukuba isikhundla esikumila
kunje siqulathe ntoni…I’m not gonna play ‘Mr PR’ for Revlon…hello?!? Look at me!
lol Kuba eyona nto indenze ukuba ndidibanise lomhlathi kukuvusisana no’Queen B’
nanjengoko abalandeli bakhe bemkhahlela.
Imbali ithi lentwazana izakuba yeyokuqala ephuma e-Afrika ukuchongelwa
esi sikhundla nesizakumxhamlisa amathuba atyebileyo.
Ethetha kudliwano-ndlebe, uBonang uthe nanjengokuba engowokuqala ukuba
ngunomazakuzaku ophuma eMzantsi Afrika, kuliwonga elikhulu ukubayinxalenye
no-Revlon.
Lo ngumfanekiso wentwazana ekhulele kusapho olungenanto ifana yodwa,
nengakhange ibenoloyiko lokuphupha, yiyo nalento amaphupha wayo efezekiseka, de
kungathi kwabaninzi yintsomi.
Sithi ‘maz’ enethole’ Matheba, yiphakamise i-flag yoMzantsi izizwe
ziwubone.
No comments:
Post a Comment