Ibingunyaka
wama2004 ukufika kwakhe, wabangela ingxolo kulo lonke eli loMzantsi Afrika.
Ingulowo ezibuza, “Uvelaphi ke lo?” Iingoma ‘Qinisela’ no ‘Itshitshi’ zezona
zamenza indumasi.
Enye yezinto ezatsala umdla kubathandi bomculo kulentwazana
yindlela engaxolisiyo enxiba ngayo nendingasiboniyo isidingo sayo…mhlawumbi
ndibomvu.
Indlela anxiba ngayo iquka ukuvelisa isinqe phandle,
agqume nje amabele ze ngezantsi afake isijungqe sesikeyiti esinokufaniswa
nenkciyo.
Akakabuyi ngamva ekwenzeni njalo, kuba kwiveki ezimbini
ezidlulileyo ebecula kwinkqubo kamabona kude, Afro Café nalapho ashiye abaninzi
bengonelanga. Kutshintsho lwempahla alenzileyo uye wanxiba ilokhwe nebikhuphe
imilenze yakhe phandle yade yaphatse ukuvelisa ubisi lwekati nolukwingobozi…..
Isizathu sokuba ndibhale ngalemvumi nendiyithanda kakhulu
kukuba inalento kuthiwa lilizwi- xa icula inalanto ithi “mamela”. Andisazi yaye
andisiboni isizathu sokude anqunduze xa ekhwela eqongeni.
Ndikhe kambe ndisive isizathi asoloko esiza naso (nabanye
abaculi) xa imibuzo ekumila kwalo ndinawo ivela, sesokuba; “As an artist you
must always put on a show that’s full package.”
Lentetho yakhe izama ukuthi ukucula nje kodwa akwanele
kodwa nesinxibo sibalulekile. Ndiyavuma kodwa umbuzo wam ngowokuba: Sinyanzeliso
sini na esokuba bade banxibe izinquntu zempahla ezide maxesha wambi zivelise
okunga kungangaveliswa?
Kelly Khumalo esenza ayenza ngcono-ukucula Umboniso: Google Ingaba uKelly uyayidelela italente yakhe netyebe ngoluhlobo? |
No comments:
Post a Comment