Thursday 4 April 2013

Inkosikazi isibalisela ngobizo lwayo


                                                                            NguSiphesihle Notwabaza

Kuqala kubemnyama phambi kokuba kukhanye, sakhe satsho esinye isithethi ngenye imini. Lentetho ibonakele ingenakuphikiswa ngexesha lenkosikazi ithwaxwa zindidi zonke zemozulu-ukusuka kumaqhwa, izandyondyo zemvula nditsho neqabaka ebangela igazi libaleke zishiyeke izandla zimhlophe qhwa. Lamaqhwa aquka ukushiywa kwakhe ngumlingani kanye ngexesha awayemdinga ngalo kakhulu. Abantwana engingqini belunyukiswa ukuba bangazibandakanyi nabakhe. Konke oku kungenxa yokuba wamnkela inkolo engaxhaphakanga kwisizwe esintsundu. Konke yena oku wayekubona nje ngezoluleko zokumomeleza ukuze abe ngu-Imaan (umgcini tempile (mosque)) ongenakugungqa. Kakade ukholo ulungenazilingo nazintshutshiso lufile.

KuseMfuleni apha, esinye seziphaluka iKapa eliziqhenyayo ngokusizala. Ilanga lishushu kangangokuba onechem uchengezela ngathi udyibheke iGlecerine. Amaziko okoja inyama adwele okwabaphangeli ekuseni belindele uduladula, abahlali baphithizela okwentwala egezeni. Kukulengingqi kanye apho kuhlala khona umfazi owamnkela inkolo yobuSilamsi (Islam)-sizokudlana naye indlebe.

Emva kwamatyeli amaninzi silahleka kuthe thu umSamariya olungileyo wasikhokela wasibonisa umzi ka Imaan. “Yhe bhuti akuwazi na uMfula, uhlala phi kanti wena?” itsho lenkosikazi isamnkela emzini wayo. Ibe sele isiyalela ukuba masiye kwigumbi elingemva, apho sizakuhlinzela impuku khona. Eligumbi kulapho kanye unqulo lubanjelwa khona (Masjid okanye iMasque ngokwendlela abayibiza ngayo). Ucoceko olulalpha luthi,”suthula, ncoma”. Yona (lenkosikazi) iziqamamngele ngesivatho sesiSilamsi, xa sizazisa kuyo imamele ngononophelo, onode ulibhidanise nolomntu omamele uMantyi- ide inqwale apho kukho imfuneko.

ITreasure ilapha izokubaza iindlebe xa uLulama Imaan Sontsongo ominyaka ingamashumi amane (40) eyichubela ibali lakhe eliquka ukugagana namahla ndinyuka ngexesha esandula kuguqukela ebuSilamsini. Phambi kokuba incoko iqhube uyasitsuphezela; “Ndililungu leqela lamanina kumbutho olawuyalo (African National Congress Women’s League). Ndineminyaka eyileyo pha kwelishumi elinantlanu ndiqhuba.” Uthi wayengumabizwa asabele xa kuthethwa ngezopolitiko ngexesha wayesenza amabanga aphakamileyo. Nto leyo eyakhokelela ekubeni azuze ubulungu kumbhutho omele amalungelo abafundi (Congress of South African Students (COSAS)). Kodwa eyonanto anomdla wokusibalisela ngayo yinkolo yakhe.

Linyathelo (utshintsho lwenkolo) elingaqhelekanga eli, kakhulu kwisizwe esintsudu, umdla esinawo wokwazi isizeka bani sokuze azibandakanye nalenkolo mkhulu kakhulu. “Kwakungekho lula tu mntasekhaya anduxoka,” ugqabaza atsho. Uthi akazange ayicinge into yokuba angazibona sele eliMuslim, into athi wayeyonyanya kakhulu. Ukwamnkela khwakhe lenkolo akuzange kube kukuzikhethela-kwabasemva kokuba wayethanda ukuba namaphupha nathi wayengawaqondi ukuba ayethetha ntoni ngeloxesha.

Esalibele kukunkaniza njalo, engafuni kuyamkela lenkolo; ngonyaka wama2004 walizwa ngamawele (azizini ezahlukeneyo) kodwa ngelishwa eli liyinkwenkwe laqhuzuka. Ukufatshaza ityuwa enxebeni; kunyaka olandelayo umyeni wakhe waxhwila liXhalanga ekuthiwa ukubizwa kukufa. Yimeko leyo athi yamshiya omelwe ngumqa ezamisweni; abantwana wayezakubondla ngantoni? Uthi wayengenayo tu kwaphela impendulo kulombuzo.
“Esaphila umyeni wam ndandithanda ukuba namaphupha, kulamaphupha kwakubangathi ndikwindlu ezele ngamaMuslim, kubengathi ndinxibe ezilokhwe zawo zinde,” uyabalisa.“Bendifudula ndingumama webhatyi kwenye inkonzo (iTreasure iyayazi le nkonzo) yaye ndiyonyanya kakhulu inkolo yobuSilamsi ndizixelela into yokuba andisoze ndiguqukele kuyo,” utsho u-Imaan noyinzalelwane yasePort Allfred kwiphondo leMpuma Koloni.
“Ngaminazana ithile ndafumana isimemo kumntu othile, endimemela kwiMasque elapha ngenzantsi. Esithi lomntu zonke ezingxaki zam zizakusombululeka ukuba ndithe ndaya khona,” utsho. “Ndaqonda ukuba mandiye nje, ndingamdanisi umntu wabantu-kodwa ndisazi ukuba andisoze ndibeLisilamsi mna,” uyabalisa. Uthi esakungena ngaphakathi wabona awayengakulindelanga. “Zonke ezizinto ndandisoloko ndizibona kulaamaphupha wam zazipha kulaMasque,” utsho. Uthi wavakala ezibuza; ‘ifuna ukuba yintoni ke ngoku le?’ Emva kwalondibano kanye, wathatha isigqibo sokuba ave isiziba ngodondolo; wamkela inkolo yesiSilamsi. Uthi ngokwenza njalo yabangathi udilize indlu yoonomeva okanye urholotshe ingqweje yenomi; abahlali bayintw’ ibila ukumbukula oku. Besenza nje konke okungcungcuthekisa umphefumlo wakhe-kodwa wazingisa, kakade umzingisi akanashwa.
Uqhuba ngelithi ukunyamezela kwakhe kwazisa umvuzo; kungekudala nje emva kokuguquka kwakhe izinto zatshintsha, umngeni owawusele mnye yayiyindawo ephangaleleyo yokuqhubela unqulo. Kodwa ukuzila nemithandazo emithathu (3Ragads) yamvunisa iziqhamo ezichumileyo.
“Ndaxelelwa ukuba ukuze izinto zakho zihambe kakuhle, kwi-Islam kufuneka wenze imithanadazo emihlanu, nam ndamana ndisenza njalo. Tyhini izinto zatshintsha noko ngoku,” itsho inkosikazi engumama wabantwana ababini. Uthi iqela lesibini sele lisifumene isipho-mali sokufunda (iBursary ke ngelasemzini). Esisipho siphuma eGate’s Ville-sinika ithuba kubantwana lokufunda e-Islamia, nalapho athi abonwabe abantwana yehaa!
“Abaantwana bonwabe kakhulu, banikwa yonke into-fele-fele,” uqhayisa atsho, ethetha ngabantwana athi bahlala e-Ottery nathi baphila ubom obuntofontofo.
Akalibelanga kananjalo ukudlulisa umyalezo wombulelo koosomashishini basekuhlaleni (amaSomaliya) nathi inkxaso yabo iyamangalisa. Uthi benza umnikelo ngezinto zokupheka ezifana ne-soup nesonka, ze enze isidlwana, alungiselele abantwana nabathi xa bebuya esikolweni badlule kwakhe bafumane okuya ethunjini. Uthi konke ke oku kumakhele iwonga kunye nesidima ekuhlaleni. “Ndatsho ndaziwa mntak’ abawo ukuba ndingumntu,” utsho ‘umama kaBobo’ nanjengoko ebizwa ngolohlobo engingqini.

Xa kanye siwufulathela umzi wayo le nkosikazi, umfoti uyayicela kuba iphumele phandle nalapho kuzakuthathelwa khona imifanekiso, engabonakalisi noluncinci uphawu lokukriniza, wenza njalo. Kungu“danya-danya” no“xhakra-xhakra,” umfoti ubile ulithontsi uthabatha imifanekiso, bayaphuma abahlali ukuza kuzityebisela amehlo koku kwenzekayo-nababonakala bengakuqhelanga noko. Sicela indlela, usikhulula ngobubele aze kananjalo asinqwenelele uhambo olukhuselekileyo.

No comments:

Post a Comment