Tuesday 9 April 2013

UGenerations uxhentsa phantsi kwesibane.


Ndingumthandi nomxhasi ongagungqiyo walomdlalo ungentla uphala phambili xa ubani ethetha ngomthamo wababukeli, sukubanika ingqalelo wena aba basoloko bekhwaza ngokungamthandi kodwa bangabokuqala ukuphakela ngokwenzekayo kuye.
Umboniso: Google

 Ukuba ndiphoswe sisiqendu nje esinye kulomdlalo utshotsha phambili ndibangathi ndingumntu onqanqathekayo- ongenalo icuba. Sendide ndamteketisa ngoku, ndimbiza u‘J (G)eneza’.

Emva kwesiqendu ngasinye ndisoloko ndishiyeka ndinochulumanco nobobotheko, lokonwatyiswa kukubona abadlali beqonga endibathandayo besenza abakwenza ngcono- ukubalisa amabali. 

Sesiphi esona sizathu sibangela ukuba ndibhale lomhlathi?Nantsi impendulo;  zikhona nje izinto ezithanda ukundiphazamisa kulomdlalo- iimpazamana ezimana ukuvela, endingayaziyo nokuba zibonwa ndim ndedwa na…

Kuluxanduva lawo nawuphi na umdlalo kamabona kude ukugcina iilwimi zethu nokufundisa abantu ngokubanzi. Ziyandidanisa ke kambe iimpazamo athe gqolo ukuzenza umlinganiswa uNoluntu Memela odlalwa nguZenande Mfenyana xa ethetha, bambi bangazibona zincinci kodwa zinkulu.

Kwisiqendu saphezolo uthe xa ethetha ngonina lume okanye umalume wakhe wathi ngu “Mntakwethu”. Kanti ngaphambili wathi, ekhanyela ukuzithwala kwakhe, “Andikho mithi mna” endaweni ka “Andimithanga mna.”
Zenande Mfenyana
Umboniso: Gallo images
Intsilela iphi? Kumbhali okanye kumdlali weqonga uqobo?

No comments:

Post a Comment