Monday 8 April 2013

Mzantsi Africa undiphoxile


                                                                     NguSiphesihle Notwabaza

Ndinebhonqo neqhayiya, yaye ndiziva ndithamsanqelekile kukubangummi welizwe uMzantsi Africa. Enye yezinto ezindenza ndizingombe isifuba nesoloko ikhankanywa nangabanye abemi balapha xa bebonga izwe lethu yeyokuba sineendidi ngeendidi zenkcubeko ntoleyo esenza sibenomtsalane kubandwendweli. Xa besityelele (abakhenkethi), bayakhwanqiswa bubuhle bezinto esiye sibaqhayiesele ngazo.

 Xa ndisenza intetho eloluhlobo andikwazi ukushiya ngaphandle into apha endiyithanda ngendlela esisimanga-umculo. Uyinxalenye yenkcubeko yethu kodwa ndithanda ukuwubalula wodwa, kuba awutyebanga koko uyatekelezela. Sinothotho lweemvumi eziphiweyo apha emazwini amnandi. Zezinye zezinto ke ezi ezindenza ndikhukhumale, ndibenamatshamba kukubangummi weli.

Lemiqolo ingengako ndiyenzileyo ngasentla ithetha kamnandi ngelilizwe. Kodwa ndakuba kanti ndinobumenemene ukuba ndiyibalekile inyaniso emsulwa yokuba iziganeko ezithe zagubungela elilizwe kwiminyaka embalwa edlulileyo zibukrwele zabuhluthuluza ubuhle belilizwe. Itshamba liphelile, kushiyeke uloyiko nodano kuphela. Ude ubave besithi abanye, “Andisakuthandi ukuba ngumhlali kwelilizwe, leyokuba uhleli nje unoloyiko.” Andizokube ndichitha ixesha ndidwelisa uluhlu lwezintlekela, nezithe zawushiya uMzantsi Africa ubambe ongezantsi yimpoxeko kuba wonke ubani uyazazi; Anni Dewani, Andries Tatane, Anene Booysen, Reeva Steenkamp nabanye nabanye!!!!!!!!!!!

Eziziganeko zingqinela lantetho ithi ‘Igugu lingabalikhulu umbombo uyaqhosa’. Konke oku kundiphakamisele lemibuzo:

 Mzantsi Afrika kwenze njani? Imoshakele phi lento? Kutheni kwaphalala igazi kangaka? Ingaba selitshonile ilanga ukuba kungalungiswa apho konakele khona?
Andinayo mna impendulo kulemibuzo, mhlawumbi wena unayo.

 Endinokutsho mna kunye, ‘Mzantsi Africa undiphoxile.’

1 comment:

  1. Okokuqala mandibulele mfana wakwaNotwabaza ngokubhala kwakho ngelwimi lethu. Sihambe sathabatheka ngesisilungu singasazi nakakuhle kwaye lonto yasenza sacinga ukuba ulwimi lethu lwenkobe alubalulekanga.

    Nam ndibudana yindlela isizwe sakowethu esiziphethe ngayo. Selelithande ukusiqhela elishwangushwa lodlwengulo nabantu abangaziphathi kakuhle benyhasha namalungelo wabanye abantu.

    Impendulo yona ikwababasongula imithetho kuba babukeka bengayinakanga imiphumela yayo.

    ReplyDelete